Lyrks
Lyrks
Lyrks
Cover Art

Ngento Anayo Lyrics by MaXhoseni

2008

Chorus
Ngento anayo umntu uyaqhayisa
Ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
Indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa
Verse 1
Indoda xa libilil’ibunzi layo
Ziyalosul’iintshaba zayo
Ukuze kwelo bunzi ingabi nanto iyityayo
Indoda engenazo
Iintshaba kweli lizwe limagada ahlabayo
Inqabile okwe Presenter engu Mkhwetha
Abantu kweli lizwe bazincutshe zokuthetha
Amazw’atyhafisayo
Ebantwin’abazamayo
Ukuba kwi siziba esinzulu uyantywila
Abantu ezovuyo inyembezi bayaz’lila
Abanye xa imoto engu mnyobo uyiqhuba
Eyabo iminqweno yeyo kuba
Usutywe kukufa
Ukuz’abak’thandayo bashiyek’imiphefumlo ixhelekile
Iintliziyo zophukile
Inkaw’ityiw’ilila
Ozamayo kweli lizwe bayam-killer
Yonk’imisebenzi ayenzayo seyincomeka bayagxeka
Xa bembona entlitheka bayahleka
Ukuz’aphel’amandla acand’ithafa loku tyhafa
Azibone sel’engumntu ongena kamva
Angayibon’ayiphilelayo
Azikhoboze ngobutywala bukrobokayo
Ngenxa yokumane etyhafiswa ziintshaba
Azibone sel’ezimanya nez’gigaba
Ezizo menza anabele uqaqaqa
Inxeba leny’indoda kweli lizwe liyahlekwa
Izintw’ezincomekayo ziyagxekwa
Inxeba leny’indoda kweli lizwe liyahlekwa
Chorus
Ngento anayo umntu uyaqhayisa
Ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
Indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa
Verse 2
Indoda xa iwile yantlitheka
Iphakama seyijingxela
Zon’iintshaba sezihleka
Ukub’inentliziyo ka Nozala
Xa intshaba ziyinxwala iyagxwala
Ngamanye amaxesha xa imvula ziyinetha
Intliziyo nomphefumlo zixheleka
Ide ilile izulise ith’amehlo abilile
Ukuba kweli lizwe like uDaddy u-achieve(ile)
Abantu basoloko benqwenela ukuva ukuba
Usutywe kukufa wabhubha kuba
Ngumona bayaqhutywa
Indoda ezamayo
Abantw’abayizondayo
Ingcwaba bayigrumbela isaphila
Inkaw’ityiw’ilila
Iintshaba zonwabile ziyatshambaza
Kuba ozamayo zimhlasele zamlimaza
Indoda ngenxa yokubila isoma
Kwii ntshaba isoloko ilixhoba
Ukuba kwi siziba ziyifakile intshaba
Abantu boyihlangula bayanqaba
Usizi alutyiwa ozamayo uyakhilwa
Iintshaba zisoloko ziqulunqa
Iyelenqe lok’bhukuqa
Umnt’ozimisele ekwenzeni
Zonk’izinto ezimthumel’ekukhanyeni
Iintshaba kweli lizwe zisoloko zihlasela
Indoda ezamayo neyenz’imisebenz’encomekayo
Chorus
Ngento anayo umntu uyaqhayisa
Ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
Indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa
Credits

About “Ngento Anayo” by MaXhoseni

Read the complete lyrics to "Ngento Anayo" by MaXhoseni in 2008. On Lyrks you can follow along with the full text, explore the artist's discography, and discover related songs. The track is often categorized under Rap.

"Ngento Anayo" is performed by MaXhoseni. in 2008 This page provides the full lyric text for fans who want to sing along, study the songwriting, or compare versions across releases. Lyrks organizes lyrics by artist and song slug so you can bookmark and share a stable URL. Music lyrics help listeners connect with emotion, narrative, and rhythm in a track. Whether you are learning English, researching a favorite chorus, or preparing for karaoke, having accurate line breaks and section labels (verse, chorus, bridge) makes the experience easier. We link to the official artist profile on Lyrks where available, including biography snippets, top songs, and chart placements when we have that data. If you enjoy "Ngento Anayo", explore more songs by MaXhoseni using the links below. Chart and trending pages on Lyrks highlight what listeners are searching for this week. For copyright or correction requests, see our DMCA and contact pages.

View all songs and biography for MaXhoseni · Trending lyrics · Billboard Hot 100

Frequently asked questions

"Ngento Anayo" is credited to MaXhoseni. Songwriting credits may include additional writers listed on the release; check the credits section on this page for linked collaborators.

Album information for "Ngento Anayo" is not available in our database yet. You can still read the full lyrics on this page.

Visit the MaXhoseni artist page at /artist/maxhoseni for biography, popular tracks, and links to more lyric pages.