Lyrks
Lyrks
Lyrks
Cover Art

Themba lam Lyrics by Mesuli kewana

0

Themba lam ndicela wena uzondihlalisa
Awuyongilosi okanye ndiyakufanisa ?
Ndiyakuthanda murn umhle ikhetshemiya ndizakuthwalisa
Njengendlovukazi umboko wakho ndizakubambisa
Ubonakala ulungile andiqondi Noba ungandidanisa
U "Hayi andizukwazi" uyandiphambanisa
Umhle murn uyandiqeqisa
Uncomo kwakho luqoba amadla luyatyhafisa
Ubuhle bakho buyancwasisa
Sulahlisa murn suzulisa
Ndiyayazi sisi uyandithanda andilogqirha kodwa ndiyavumisa
Kungcono uhambe uyicingisisa
Kuba indlela omhle ngayo intliziyo yam andiqondi ungayonakalisa
Ndonyula wena kwelaququbelana
Ndashiya izikhondo zamehlo zijamelana
Ziqumbelana
Bendingayazi kanti mna itshomi ziyamonelana
Kodwa mna ndithande wena kwabanye amehlo ebengazuphakelana
Kodwa ndithe ndakujonga ngawe ntombazana amadoda ayatyhala-tyhalana
Endleleni ayagudlulana
Omnye uthi "ungowakhe " ayanyukelana
Uzubajonge osathana
Abanye abakuthandi bafuna nje nikwazi ukulalana
Ndize ngothando lukathixo ndicеla ngalo sikazwi ukuhlephulelana
Uthando lwam lubanzi ngalo singakwazi ukobelana
Ixеsha sikwazi ukusikelana
Sihlale kamnandi koluthando sithobelana
Ewe ingxaki zizabakhona sizolwisana
Kodwa sibadala sohlala phantsi sikwazi ukubonisana
Ndizaba nawe xa undibana nembila ezithuthayo
Ndikuqume xa isisila Sakho sibonakala mhla ligquthayo
Xa kukho umoya ndizokothula lamazinki uwathwalayo
Noba sele uphambana ndizakuthi ndiyakuthanda oksalayo
Oluthando yimfazwe bathi emajonini kufa ayayo
Ndithi gamagwala asalayo
Kuhle ukufa ufela umntu omthandayo
Ndithi kuthanda othandayo
Kwanentliziyo Nayo ifuna emfunayo
Nangona ibhanxwayo
Intliziyo yilandoda inyamezelayo
Ayiyo le incamayo
Qha ise ibengumntu lo uyinqandayo
Ngenxa yoluthando namhlanje uninzi lulele kobandayo
Andimchasanga ozikhuselayo
Nam ngeyam intliziyo andiyo lambo ivumayo
Ndiyila ndoda izixabisayo
Intliziyo yentombi ayibhalwanga " made in China ". Ayonto idlaliswayo
Into yodlala amantombi ngumlilo unwenwayo,
Madoda Ngubani loo ubasayo ?
Kudala ndizama ukuwucima ,ngubani loo uphembelayo ?
Ngu apha naphaya okwenqkubo yasemini akhonamnye ophendulayo
Kukho amzwi ahlabayo,
Athi " Amadoda Ayafana" ayibuhlungu into equkayo
Ube wena uzazi awungeni ndawo kulento ithethwayo

About “Themba lam” by Mesuli kewana

Read the complete lyrics to "Themba lam" by Mesuli kewana. On Lyrks you can follow along with the full text, explore the artist's discography, and discover related songs. The track is often categorized under Non-Music.

"Themba lam" is performed by Mesuli kewana. This page provides the full lyric text for fans who want to sing along, study the songwriting, or compare versions across releases. Lyrks organizes lyrics by artist and song slug so you can bookmark and share a stable URL. Music lyrics help listeners connect with emotion, narrative, and rhythm in a track. Whether you are learning English, researching a favorite chorus, or preparing for karaoke, having accurate line breaks and section labels (verse, chorus, bridge) makes the experience easier. We link to the official artist profile on Lyrks where available, including biography snippets, top songs, and chart placements when we have that data. If you enjoy "Themba lam", explore more songs by Mesuli kewana using the links below. Chart and trending pages on Lyrks highlight what listeners are searching for this week. For copyright or correction requests, see our DMCA and contact pages.

View all songs and biography for Mesuli kewana · Trending lyrics · Billboard Hot 100

Frequently asked questions

"Themba lam" is credited to Mesuli kewana. Songwriting credits may include additional writers listed on the release; check the credits section on this page for linked collaborators.

Album information for "Themba lam" is not available in our database yet. You can still read the full lyrics on this page.

Visit the Mesuli kewana artist page at /artist/mesuli-kewana for biography, popular tracks, and links to more lyric pages.